S.E.K. Mqhayi – Umfanekiso

“The Poet” nguGeorge Pemba

Lo mzobo wendoda enxibe isinxibo sesintu usihloko sithi, The Poet, ngemva, ungaba ngumzobo kaSamuel Krune Mqhayi (1875-1945). Waziwa jikelele njengoyise wemibongo yesiXhosa, uMqhayi ubhale inqwaba yeencwadi zemibongo namavo, kwaye waziwa kakhulu ngokubhala imiqolo embalwa kuNkosi Sikelel’i-Afrika (God Bless Africa) owaqanjwa nguEnoch Sontonga ngowe1927.

George Pemba. “The Poet”. 1941. Courtesy to Aspire Art.

UGeorge Pemba wadibana noMqhayi phakathi kwesithuba sokufa kowe1930 nokuthwasa kowe1940. Le mbongi yadala umdla omkhulu kuPemba. Eli gcisa lalihlala lisithi gqolo ukundwendwela uMqhayi ekhayeni lakhe kufuphi naseQonce eMpuma Kapa. Esi sibini sasuka sanobuhlobo obuqinileyo, ngowe1941 uPemba wagqibezela ukwenza umzobo kaMqhayi. Lo msebenzi wawuxhonywe kwigalari eyaziwa namhlanje njengeUniversity of Fort Hare (eyayisakuba yiSouth African Native College) ebonisa uMqhayi ekwisinxibo sesiXhosa- njengakumzobo iThe Poet ozotywe kwiminyaka engama20 emva kowe1970.

Enye into enikisa umdla kukuba uPemba uye wazoba omnye umzobo wenye yeenkcubabuchopho zamaXhosa ngowee1970, osihloko The Rev. John Knox Bokwe (late) ngowe1978[1]. UBokwe (1855-1922) wayeyinkokheli kwezikalizwi, engutitshala, intatheli, umbhali wamaculo adumileyo, nomnye wabantu ababephambili ekusekweni kweFort Hare ngowe1916. UPemba wayengumbhali ophum’ izandla nowayebhale imidlalo yeqonga emibini ubuncinane; Ibali likaNongqawuse kunye noMprofeti uNtsikana (1968). Wayenomdla kakhulu kwimbali yamaXhosa, kwiintsomi, kuncwadi nemizobo yoomakhwekhwetha abafana noMqhayi noBokwe, into ebonakalisa umdla wakhe nembeko awayeyenike la mathwasa oncwadi akwaXhosa.

Ipapashwe kumnathazwe yi-Aspire Art ngowe-6 kweyoKwindla 2023

Kubhiyozelwa amagugu nenkcubeko yesiXhosa: UGeorge Pemba noSEK Mqhayi kwincoko neLovedale Press eAspire Art ngowe-11 kweyoKwindla 2023.

Le yingxoxo eyayiphakathi kukaAthambile Masola, uSanele kaNtshingana noAnelisa Mangcu, eyayichotshelwe nguPhillipa Duncan, iphicotha imbali yopapasho loNcwadi lwesiXhosa yiLovedale Press kunye nomzobo kaGeoge Pemba osihloko sithi, “The Poet” (1970) okholeleka ukuba nguMqhayi umzotywa. 

Ungayibukela lengxoxo yephaneli malunga ngalomzobo eyenzeka ngomhla we-11 kweyoKwindla ngowama-2023 eAspire Art ku-Instagram wabo.

Yabelana ngalendlela:

Ikhredithi

I-FHYA ithanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kwithala leencwadi iCory ngokuzinikela nokwenza ithala labo lifikeleleke eluntwini, kunye nesisa sabasebenzi beli thala ekwenzeni lo mboniso ube yimpumelelo. Lo mboniso ulungiselelwe yi-FHYA ngo-2023, isebenzisa ulwazi oluqokelelwe nguSanele kaNtshingana ngentsebenziswano neCory Library. Ugcino-vimba lulungiselelwe nguBenathi Marufu exhaswe nguDebra Pryor. Uyilo lobugcisa, olwephepha kunye nophuhliso luqulunqwe lalungiselelwa nguVanessa Chen exhaswe yiStudio de Greef. Inkxaso kwezobuchwephetshenguHussein Suleman. Umxholo obhaliweyo uveliswe nguSanele kaNtshingana noSteve Kotze. Inkxaso kuhlelo nakwingqiqo yalo mboniso ivela kuCarolyn Hamilton. Iprojekthi ekhethekileyo yokuqulunqa nokuphuhlisa isiXhosa kulo mboniso lwenziwe nguSanele kaNtshingana, uHleze Kunju noBenathi Marufu. Imiboniso yethu igcinwe apha. Ukuba unqwenela ukwenza igalelo, sebenzisa eli khonkco.

Buyela ku-EMANDULO

EMANDULO

I-EMANDULO liqonga lomnathazwe oluzama ukuphuhlisa imithombo yolwazi etyebileyo echaphazela imbali ye-Afrika esezantsi phambi kobukoloniyali kwindawo namhlanje ebizwa ngokuba yi-eSwatini, KwaZulu-Natal, Lesotho, kunye neMpuma Kapa.

Online from: 19 September 2023