ULoliwe: intshayelelo ngoS.E.K. Mqhayi

English version

USamuel Edward Krune Mqhayi (1875-1945) ngomnye wababhali nonobalisa wesiXhosa ophume izandla. Ayingumthamo nokutyeba komsebenzi wakhe okumenza igqala nengqangula yengqondi, kodwa lusiba lwakhe olunefuthe lobuAfrika, olukhusela ikamva lesi sizwe kwingqakaqha yesitshantshathela sobukoloniyani nobumishinari. Kusekuzimiseleni ukubhala inyaniso, ngabantu besizwe sakhe, amava abo, kunye nengqiqo yabo kumsebenzi wezandla zakhe.

Izibongo zeenkosi ezimbini: ushicilelo kwelizwi likaS.E.K. Mqhayi ngee-1930s

Kwiminyaka ye-1970s, ngaphezu kweminyaka engama-30 emva kokuwelela kwelamanyange kukaS.E.K. Mqhayi, uRudolf Schwarz weRadio Bantu eQonce (King Williams Town) wakhupha engontsini ushicilelo lwesandi i-78rpm Columbia recording olwaluqulethe izibongo ezibini ezishicelelwe nguMqhayi, zeenkosi ezidumileyo zamaXhosa kwiminyaka ye-1930s. La macala mabini oshicilelo aqulathe malunga nemizuzu eli-14 lwemibongo eshicelelwe nguMqhayi. Olu kukuphela kwalo oluyaziwayo ushicelelo lezwi lakhe. Owokuqala umbongo A! Silimela, owesibini uthi A! Velile!

“The Poet”: umfanekiso ka S.E.K. Mqhayi?

Lo mfanekiso wale ndoda unesinxibo sesintuusihloko sithi, ‘The Poet’ kunokwenzeka ukuba ngowukaSamuel Krune Mqhayi (1875-1945).

Ubomi bukaS.E.K. Mqhayi nemibhalo yakhe: Ukulandelana kweziganeko

Sifikelela emva kwixesha lokuzalwa kukayisemkhulu kaS.E.K. Mqhayi siyephambili kwixesha lokutyhilwa kwesikhumbuzo sakhe ngo-1951, lo mgama uthetha ngembali yakhe, ixesha lakhe lokuphila kunye nekamva lakhe.

Yabelana ngalendlela:

Ikhredithi

I-FHYA ithanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kwithala leencwadi iCory ngokuzinikela nokwenza ithala labo lifikeleleke eluntwini, kunye nesisa sabasebenzi beli thala ekwenzeni lo mboniso ube yimpumelelo. Lo mboniso ulungiselelwe yi-FHYA ngo-2023, isebenzisa ulwazi oluqokelelwe nguSanele kaNtshingana ngentsebenziswano neCory Library. Ugcino-vimba lulungiselelwe nguBenathi Marufu exhaswe nguDebra Pryor. Uyilo lobugcisa, olwephepha kunye nophuhliso luqulunqwe lalungiselelwa nguVanessa Chen exhaswe yiStudio de Greef. Inkxaso kwezobuchwephetshenguHussein Suleman. Umxholo obhaliweyo uveliswe nguSanele kaNtshingana noSteve Kotze. Inkxaso kuhlelo nakwingqiqo yalo mboniso ivela kuCarolyn Hamilton. Iprojekthi ekhethekileyo yokuqulunqa nokuphuhlisa isiXhosa kulo mboniso lwenziwe nguSanele kaNtshingana, uHleze Kunju noBenathi Marufu. Imiboniso yethu igcinwe apha. Ukuba unqwenela ukwenza igalelo, sebenzisa eli khonkco.

Buyela ku-EMANDULO

EMANDULO

I-EMANDULO liqonga lomnathazwe oluzama ukuphuhlisa imithombo yolwazi etyebileyo echaphazela imbali ye-Afrika esezantsi phambi kobukoloniyali kwindawo namhlanje ebizwa ngokuba yi-eSwatini, KwaZulu-Natal, Lesotho, kunye neMpuma Kapa.

Online from: 19 September 2023